Contact  About  Links 

HISTORIC SCHOOLS RESTORATION PROJECT

Towards Centres of Cultural and Educational Excellence

Home Schools Alumni Speeches ZK Matthews Annual Reports

 
Ayanda Genge of Fort Hare Community Radio had this to say about Healdtown and Historic Schools


Zindaba zentsimbi yesibhozo kwisikhululo soluntu iForte Community Radio, zifundwa ngu-Ayanda Genge…….Bhota mXhos’omhle……09/05/2012
@ Usolufefe odla umhlal’aphantsi wamatshetshi uNjongonkulu Ndungwane nongusihlalo wephulo elibizwa ngokuba yi-Historic Schools Restoration Project ebese-Nxukhwebe izolo. UNdungwane uthi, eli phulo liphenjelelwe ngamazwi woyesakuba ngumongameli weli uNelson Mandela athi “education enables the child of a mineworker to be an owner one day” Uqhube wathi, eli phulo lizimisele ukuvuselela izikolo ezisakuba ngamaziko embali kweli loMzantsi Afrika. Isikolo sase-Nxukhwebe siphakathi kwezikolo ekwakufunda kuso owayesakuba ngumongameli weli uNelson Mandela kunye nowayeyinkokhli yombutho kaPoqo uRobert Mmangaliso Sobukwe. Kungokunje eli phulo sele linikwe imali ebalelwa kwizigidi ezibini ezinekhulu lewaka lerandi ngabakwa-Petro SA ukuhlaziya izakhiwo ebezibhidlika zesasikolo. Ukanti zingamashumi amahlanu izikolo ezazikuhlaziywa leli phulo kuwo onke amaphondo eli loMzantsi Afrika. Ukanti usolufefe Ndungane umemelele kubo bonke oongxowa nkulu abanako ukufak’isandla kweli phulo bangazibandezi ukwenza njalo. Waleke ngelithi, isikolo saseNxukhwebe siso kuphela isikolo esasingaphandla eSoweto esathi salwa kunye nokusetyenziswa kolwimi lwesibhulu xa kuhlohlwa kwizikolo zeli ngonyaka ka-1976. Kusenjalo esi sikolo sasiphantsi kolawulo lwetyalike yamaWisile phambi kokuba sifakwe phantsi kwe-Bantu Education. Eyona njongo iphambili yeli phulo kukuvuselela ezi zikolo ziyimbali ukuba zibe ngamaziko okuphuhlisa izinga lezifundo zezibalo, iNzululwazi kunye nobugcisa.

      Copyright © 2007-2023 Historic Schools Restoration Project